yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Ibhayibhile ibonisa ngokucacileyo indlela eya ebomini obungunaphakade. Okokuqala, kufuneka sazi ukuba sonile kuThixo: “Kuba bonile bonke baye basilela eluzukweni lukaThixo” (KwabaseRoma 3:23). Sonke sizenzile izinto ezingamkholisiyo uThixo, ezisenza sifanelwe kukohlwaywa. Kuba izono zethu zichasene nephakade likaThixo,sifanelwe kuphela sisohlwayo sanaphakade.
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Izenzo 13:38 ziyaxela, “Ke ngoko bazalwana bam, Ndifuna nazi ukuba ngenxa kaYesu uxolelo lwezono lwaziswa kuni.”
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Ingaba sele umamkele uYesu Kristu njengomsindisi wakho buqu? Ukuwuqondisisa kakuhle lombuzo, kufuneka kuqala wazi izihloko “Yesu Kristu”, “ubuqu”, “noMsindisi”. Ngubani uYesu Kristu? Abantu abaninzi bakumazi uYesu Kristu njengendoda elungileyo. Umfundisi omkhulu okanye umprofethi kaThixo. Ezizinto ziyinyaniso ngoYesu, kodwa azimchazi ngokwenyani ukuba ungubani na. Ibhayibhile isichazela ukuba uYesu unguThixo ngokwenyama, uThixo ngokobuntu (jonga uYohane 1:1-14).
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Ulambile? Andilambanga ngokwasenyameni,ngaba ulambele enye into yasebomini? Ingaba ikhona into phakathi kuwe engonelisekanga? Ukuba kunjalo, uYesu sisisombululo! UYesu whathi, “Ndisisonka sobomi. Ozileyo kum akasayi kuphinde alambe, kwaye okholelwa kum akasayi kuphinde anxanwe” (UYohane 6:35).
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Ithetha ukuthini ukuzalwa ngokutsha komKristu? umgca oqhelekileyo phaya ebhayibhileni ophendula lombuzo ngu Johane 3:1-21. INkosi uYesu Kristu uthetha no Nicodemus, uMfarasi nelungu le Sanhedrin elaziwayo (ibhodi yamaJuda elawulayo). U Nicodemus weza nemibuzo ethile ngobunye ubusuku.
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Le mithetho mine yoMoya yindlela yokuhambisa iindaba ezilungileyo zosindiso ezikhoyo ngokholo ku Yesu Kristu.Yindlela elula yokulungisa iinkcukacha ezibalulekileyo zegospile zibengamaqela amane.
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Ukuze “ndilungise iindlela zam” noThixo, masiqale siqonde ukuba yintoni na “engalunganga.” Impendulo sisono. “Akekho umntu owenza kakuhle, akekho nomnye” (Iindumiso 14:3). Siye sanenkani kwimithetho kaThixo “njengegusha elahlekileyo” (Isaya 53:6). Indaba ezimbi zezokuba isohlwayo sesono kukufa. “Umphefumlo owonileyo nguwo oyakufa” (Hezekile 18:4). Iindaba ezimnandi ke zezokuba uThixo onothanado uyasilandela ukuze asinike usindiso. UYesu wayichaza injongo yakhe eyokuba “uyakukhangela asindise lowo ebelahlekileyo” (Luka 19:10), yaye uyazisile injongo yakhe egqibelelyo xa wayesifa emnqamlezweni ngalamazwi, “kugqityiwe!” (Yohane 19:30).
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: “Ndingumntu olungileyo, ngoko ke ndakulingena izulu.” “Kulungile, ndiyazenza nje izinto ezingalunganga, kodwa ndenza izinto ezilungileyo ixesha elininzi, ngoko ke ndakulingena izulu.” “uThixo akanakundisa esihogweni kuba ndingaphili nge bhayibhile. Amaxesha ngamanye!” “Abantu abaya esihogweni ngabo benza iziznto ezimbi kakhulu abafana nabaphatha abantwana gadalala kunye nababulali.”
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Ingaba uyazi na ukuba unobomi obungunaphakade yaye uyakuya ezulwini wakufa? UThixo ufuna ukuba uqiniseke! Ibhayibhile ithi “Ndinibhalele ezizinto nina nikholwayo kwigama loNyaka kaThixo ukuze nazi ukuba ninobomi ubungunaphakade” (1 Yohane 5:13). Cinga ngokuba umi phambi koThixo ngoku kwaye uyakubuza ukuba “Kutheni efanele akuvumele ungene eZulwini?” Ubuya kuthini? Usenokungazi ukuba mawuthini.
Copyright (c) 2013-2023 Sharing Biblical Truth. All right reserved. Legal notices