yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Ayifani nombuzo “IIngaba uThixo ukhona na?” bambalwa abantu ababuza lombuzo wokuba ingaba uYesu Kristu ukhona na. Sele iyinto eyaziwayo eyokuba uYesu wayengumntu ngenene owayehamba emhlabeni wakwaSirayeli ngeminyaka yama- 2000 eyadlulayo. Ingxoxo iye iqale xa kufunwa ukuqondwa ngobuyena bukaYesu.
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: UYesu akazange abhalwe kwibhayibhile ethetha ngqo lamagama, “NdinguThixo.” Lonto ayithethi ukuba akazange achaze ukuba unguThixo. Jonga lomzekelo wamazwi kaYesu ku Yohane 10:30, “Mna nobawo sibanye.” Kufanele ukuba sijonge inyathelo lamaJuda kwintetho yakhe sazi ukuba wayebanga ukuba unguThixo. Bazama ukumxuluba ngamatye ngenxa yesisizathu. “… wena, mnyewu wendoda, ubanga ukuba unguThixo” (UYohane 10:33). AmaJuda ayeyazi kakuhle into uYesu wayeyibanga—ngokwaselukholweni.
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Indaba ezilungileyo, xa sizama ukuphendula lombuzo, kukuthi kungakuninzi okunokufumaneka ngoThixo! Abo baxilonga lengcaciso bangayifumana ibalulekile ukuba bayifundisisise; hamba ke uyekujonga kwizibhalo ukuze ufumane ingcaciso eyiyo. Ukufunda ujonge ezibhalweni kubalehele koa ulekile kubba ngaphandle kokulawulwa yibhayibhile, le ngqokelela yamagama ayinakuba ngcono kunoluvo lomntu; gokokwayo ke iyakuba ayilunganga ngokokuqonda kukaThixo (Yobhi 42:7).
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Impendulo yethu kulombuzo ayizuchaza kuphela indlela esiyibona ngayo ibhayibhile nokubaluleka kwayo ebomini bethu, kodwa iyakubonisa nentsingiselo yayo kubomi bethu banaphakade. Ukuba ibhayibhile ngenene liliZwi likaThixo, ngoko ke kufuneka siyonwabele, siyifunde, siyithobele, yaye ekugqibeleni sithembele kuyo. Ukuba ke ibhayibhile lilizwi lika Thixo ngoko ke ukuyigxotha iyakuba kugxothwa uThixo ngokwakhe.
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: 1 Kwabasekorinte 15:1-4 ithi, “Ngoku ke bazalwana ndiyanikhumbuza ngeendaba ezilungileyo, ezo ndazishumayelayo kuni, nazamkela nokuzamkela nokuma kwazo. Ngelolizwi nakusindiswa, ukuba nabambelela kulo xa ndandilishumayela kuni. Okanye nikholelwe kwilize. Oko ndikufumeneyo ndakunikela kuni njenganto ibalulekileyo: ngokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo, waye wangcwatywa, nokuba wavuka ngomhla wesithathu ngokutsho kwezibhalo.”
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Siyazi ukuba uThixo uyinyani kuba waziveza kuthi ngendlela ezintathu: Ngendalo, Ngelizwi lakhe, nangonyana wakhe uYesu Kristu.
Obona bungqina bobukho bakhe koko wakudalayo. “Kwasekudalweni iimpawu ezingabonakaliyo zikaThixo — amandla akhe angunaphakade kunye nendalo yobuThixo ziyabonakala ziyazeka ngenxa yendalo, ukuze abantu bangabinazizathu” (KwabaseRoma 1:20). “Amazulu abalisa uzuko lukaThixo; saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe” (Iindumiso 19:1).
yabhalwa ngu Michael Houdmann
Impendulo: Yintoni intsingiselo yobomi? Ndingayifumana njani injongo, inkoliseko ebomini? Ndiyakubanakho na ukufeza into enentsingiselo? Abantu abaninzi abayeki ukucinga lemibuzo ebalulekileyo. Bajonga emva kwiminyaka edlulileyo bamangaliswqe ukuba kutheni ubudlelwane babo bahlukene, kutheni beziva belambatha, nangona bekufanele ukuba bakuzuzile oko bebezimisele ukufezekisa.
Copyright (c) 2013-2023 Sharing Biblical Truth. All right reserved. Legal notices